
Ikhoba lecwecwe lika X Nasty elithi Ubom
UXolile Madinda, ogama lakhe leqonga lingu X Nasty ohamba negqiza leDef BoyZ naye uzibonakalisile ukuba unetalente kumculo buciko (hip -hop) ngokushicilela icwecwe elingoma enye ethi Ubom ngolwimi lwesixhosa.
Lengoma ikwasetyenziswe ukuba ibe sisandi somboniso weqonga Ubom ,okwaququzelelwa uphuhliswa apha eRhini.
Sekulithuba u X Nasty ehamba esenza iintshukumo ezichaseneyo nesini (gender activism) ,ukukhuthaza imfundo nenkqubela kulutsha eRhini nakwindawo ngendawo.

Fingo Revolutionary Movement and Sosac in action
Oku ukwenza ngemibutho abe nenxaxheba enkulu ekusekweni kwayo iFingo Revolutionary Sisonke Movement ne Sosac ((Save Our Schools And Community Initiative).
Konke ke oku ukuvakalisa ngomculo weHip hop. Ubom ndingathi yisingle esifuna ukuyipusher kwiradio idlalwe kodwa ibe inequality nepackage eyi good quality. Yisingle ebonakalisa ukuba umculo ingaba yinto ephilwayo.
Xa uqaphela ingoma yokuqala iye isisxelele ngezinto ezidibanisa ikhaya, elandelayo uJudas Theory ithathe lengoma yokuqala iyise kwelinye izinga aze Udlezinye ashicilele, utsho uNasty.
“Ubom yisingle esiyipushayo ukwenzela ukuba abantu bayazi xa kuphuma the full album ungalindela ntoni”,
utsho uNasty.

Abantwana nabo bafumana ithuba lokuthetha
Xa ebuzwa ukuba leliphi icala elithatha ubukhulu kubomi bakhe phakathi kwentshukumo (activism) nomculo uthi,

Dlala mapantsula
“Kunzima ukuzahlula ezi zinto zimbini, iactivism indinika icontent okanye uvuthondaba. Xa ndihlala phantsi ndibhala, ndibhala into endiyiphilayo. Zizombini ezi zinto ziphana amandla.
Ndivakalisa ndifundisa ngemiba yeentshukumo ndisebenzisa umculo.
Ndimenywa ngaphandle kweRhini ukuza kucula ndisele ndidibane nabanke abashukumi (activists) sabelani ngolwazi nangomculo.”
Uthi icwecwe elipheleleyo elizakuba negama elithi “The power of X”. UNasty uthi,”U “X” usetyenziswe ngeendlela ngendlela lihlabathi lonke.
”Abanye bamsebenzisa ukuvota, ukukhetha ukungavumelani, ukwakha amazwe nokuwachitha. Ngeli cwecwe ndizakuba ndibona amandla ka X.”
UNasty uthi kancinci kancinci iRhini libonakala liwulungele umnyaka ka 2010 kwicala lolonwabo njengoko kwimisitho ebikho kulonyaka uqaphele nokuba abantu sele bekwazi nokukhupha imali ngokumamela umculo.
Kutshanje uX Nasty uthe wazimanya ngeqhina lomtshato nesithandwa sakhe sobom uNomalanga Mkhize kodwa uthi oku akunafuthe lakumsusa kwiintshukumo zakhe.
“Ndicinga ukuba lonto ingatshintsha ubumna, kwaye mna nesithandwa sam sadityaniswa ngulo msebenzi kuqala”, utsho uNasty.