“Izinto zalo mhlaba ngamajingi -qhiwu” ngumhlathi wodumo kumaphepha-ndaba esiXhosa ikakhulu Imvo Zabantsundu kwiminyaka ephakathi kuka 1950 -1995.
Umbhali wawo ‘uDizamahlebo’, ogama lakhe lokwenene uVictor Elleonelle Mthonzima Tonjeni
wayengomnye wotshotshentla kwiintatheli ebezibhala ngesiXhosa kwiminyaka ephakathi kuka 1950 -1995.
Lo ka Tonjeni, owazalwa ngo 25 September 1909 wasweleka ngo 09 December 1997 ushiye imbali etyebileyo negalelo elingenakulibaleka kubhalo lwamaphepha -ndaba ngolwimi lwesiXhosa kwingingqi yase Mpuma-koloni kuquka iBhay, iMonti ukuya kuma eMthatha. UDizamahlebo wazalelwa kuQumbu kwilali yaseMiddle Tyira. Ebeliphelo kubazali bakhe.
Ithuba elide kubomi bakhe ulichithe eMonti kwiilokishi zabaNtsundu ebhalela iphepha , Imvo Zabantsundu. Uhlale kwilokishi yase Mekeni, Kutsolo naseDuncan Village.
Kwintetho ethi indoda elungileyo ayihlonitshwa kokwayo, nalo ka Tonjeni akananto ikhumbuza ngaye kuQumbu eMthatha nayiphina indawo. Kodwa ukuhlala kwakhe eDuncan Village kwenze enye yezitalato zale ndawo zithiywe ngaye.Dizamahlebo avenue
Lo ka Tonjeni ulishiye eli sele enencwadi ayipapashileyo esihloko sithi , “Sihambele ubulawu“. Le ncwadi ibalisa ngomtshato wabantwana begazi (oka Nkosi uVelile Sandile wamaXhosa nentombi ka Victor Poto wamMpondo) phakathi kwamakomkhulu amabini esizwe samaXhosa .
Xa ndibhala lo mhlathi ndiphawula ukuba kungoku nje, isiXhosa sijongene nomceli -mngeni wokutshabala njengoko singasetyenziswa kakhulu kwintetho yemihla ngemihla nasemaphepheni. Ingaba olu lwimi lusenabo ubunganga nokubaluleka ?
Eli linge lokuvuselela umhlathi owongasekhoyo uDizamahlebo Tonjeni othi, Izinto zalo mhlaba ngamajingi-qhiwu, kukuzama ukubuyisela imisebenzi nembali ngeli qhawe kubantu ukwenzela ukunwenwisa ulwazi, ukwabelana ngembali nokudimbaza kuvimba. Kodwa ikakhulu lilinge lokukhuthaza kokubhala nokufunda ngesiXhosa.
Lindela ukufunda amanye amanqaku asafumanekayo ayebhalwe nguDizamahlebo phantsi komhlathi wa” majingi-qhiwu” aza kuthi apapashwe ngokutsha kweli nxiwa-lomnatha(website/blog)

UDizamahlebo esenza udliwano ndlebe udliwano ndlebe phakathi kweminyaka ka 1941-1942 eCambrigde eMonti
Ndithemba ukuba ngokwenza oku, ndakuthi ndilivuse eli qhawe kwingubo zokufa ngokukhanyisa isibane kwimisebenzi yakhe.








Ngxatsho ke mfo wakwa Dosini! Kunika umdla kakhulu oku kubhalwe apha, ngokwenene kundivuselele mna kwaye ndinethemba ukuba baninzi abayakukuthakazelela oku. Kona-kona isiXhosa esi sakuthi ngokwenene besisoyela kodwa tshotsho kuvuke thina nto sizingcayo ngaso khon’ ukuze sibenenxaxheba ekusivuseleleni. Sohlala silindile ke okunye okuzayo kulo vimba ze siphose nathi kwisivivana eso, siphakule apho kufaneleke khona. Kwatsho kwasa!